Hlala nami! Litshonil’ ilanga
1. Hlala nami! Litshonil’ ilanga,
Ubusuku bufikile, nKosi,
Ma ndingasali ndingenamcedi;
Ndenzel’ uncedo ngokuhlala nam.
2. Buya khaw’leza obu bomi bam,
Ndiya siywa zezomhlab’ izinto;
Ndibona iinguquleko zodwa,
Wen’ ongaguqukiyo:Hlala nam.
3. Yiba soloko ukufuphi nam,
Undigxothele zonk’ iintsaba zam;
NguWe nKosi onokundigcina,
Phakathi kwentsunguzi:Hlala nam.
4. Andinakuxhala kukho Wena
Iintlungu neentsizi azinani;
Luphi uloyiso lwakho nchwaba?
Ndiya koyisa xa Uhleli nam.
5. Zibonakalis’ emehlweni am,
Uz’undikhombise okwezulu;
Ndikhanyisele yonk’ indlela yam,
Nasekufeni kwam Uz’ube nam. Amen